2 Yeziganeko 25 XHO96

UAmaziya ukumkani kaJuda

1 UAmaziya waba ngukumkani eneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anethoba. Unina yayinguYowadan intombi yaseJerusalem.

2 Yena wenza okulungileyo emehlweni *kaNdikhoyo, noxa wayengaphelelisanga.

3 Akuziqonda ukuba uzinzile embusweni wawabulala amaphakathi awayebulele uyise.

4 Kambe ke zange ababulale oonyana bawo, koko wenza njengoko kubhaliweyo emthethweni kwincwadi kaMosis, apho uNdikhoyo ayalela ngokuthi: “Ooyise abayi kubulawa ngenxa yabantwana, kanti nabantwana abayi kubulawa ngenxa yooyise, koko ulowo nalowo uya kufela izono zakhe.”

Imfazwe namaEdom

5 UAmaziya wawaqokelela onke amaJuda, waza wawaba ngokwemizi, ewenza amabutho aliwaka nalikhulu – nditsho uJuda noBhenjamin. Wabagaya abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu, waza wazuza amakhulu amathathu amawaka amadoda asemgangathweni wokungenela umkhosi, lawo anako ukusebenzisa umkhonto nekhaka.

6 Kananjalo waqesha amajoni akwaSirayeli alikhulu lamawaka, ngesiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu anamakhulu amane.

7 Kodwa ke kwafika indoda yakwaThixo kuye, yathi: “Hayi, kumkani, la mabutho akwaSirayeli sukuwadibanisa namabutho akho, kuba kaloku *uNdikhoyo umchasile uSirayeli naye nabani na ongowakwaEfrayim.

8 Noba ungade ukhaliphe kangakanani na emfazweni, uThixo uya kukuyekela ngolo tshaba; kaloku uThixo nguye onegunya lokunceda nelokuyekela.”

9 UAmaziya ke wathi kuloo mfo wakwaThixo: “Kothekani kodwa ngaloo mawaka amakhulu mathathu anamakhulu amane esiliva endiyihlawule ngaloo majoni akwaSirayeli?”Umfo wakwaThixo ke waphendula wathi: “UNdikhoyo unako ukukunika nangaphezulu.”

10 Ngoko ke uAmaziya wawarhoxisa loo mabutho wayewathathe kwaEfrayim, waza wawagodusa. Kambe ke agoduka evutha ngumsindo enganelisekanga seso senzo sikaJuda.

11 Ke uAmaziya wabuya womelezeka wawukhokelela kwiNtili yeTyuwa umkhosi wakhe, apho ke wageqa amadoda aseSeyire alishumi lamawaka.

12 Kananjalo umkhosi kaJuda wathimba amadoda alishumi lamawaka, wawathatha loo mabanjwa wawasa kwincopho yeliwa, waza wawajulela ezantsi antlekeka afa onke.

13 Ke wona laa mabutho wawagodusayo uAmaziya, asuka ahamba enqoloba iidolophu zakwaJuda ukususela eSamariya kuye eBhete-horon. Abulala abantu abangamawaka amathathu, aza athimba intaphane yamaxhoba.

14 UAmaziya ukubuya kwakhe evela kubulala amaEdom wabuya nazo izithixo zabantu abo baseSeyire. Wazimisela ezo zithixo zaba zezakhe, waqubuda kuzo, wazenzela namadini atshiswayo.

15 Ke ingqumbo kaNdikhoyo yavutha ngakuAmaziya. Waza ke wamthumelela umshumayeli owathi kuye: “Ngani ukuba uthembele kwaba thixo bolu hlanga, bengabanga nako nje ukubahlangula abantu babo esandleni sakho?”

16 Esathetha njalo, ukumkani wathi kuye: “Umiswe ngubani ukuba ucebise ukumkani wena? Suk' apha, thula! Kungenjalo ke ndakukubulala!”Umshumayeli ke wayekelela, kodwa waleka ngelithi: “Kambe ke ndiyazi ukuba uNdikhoyo uzimisele ukukutshabalalisa ngenxa yokuba uyenzile le nto, akwaliphulaphula necebiso lam.”

Imfazwe namaSirayeli

17 Ke uAmaziya ukumkani wakwaJuda uthe akuba ethetha-thethene nabacebisi bakhe wasuka wathumela ecel' umngeni kuYehowashe unyana kaYowahazi, kaYehu ukumkani wakwaSirayeli, esithi: “Yiza sihlangane!”

18 Kambe ke uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waphendula uAmaziya ukumkani wakwaJuda wathi: “Umthana wameva waseLebhanon wathumela udaba kumsedare waseLebhanon usithi: ‘Yendisela intombi yakho kunyana wam!’ Kusenjalo kwavela irhamncwa apho eLebhanon, laza lawunyhasha ngeenyawo loo mthana wameva.

19 Ngenxa yokuba usithi uwoyisile amaEdom, ngoku ukhukhumele unekratshi. Kambe ke mna ndithi: ‘Hlal' ekhaya! Ngani ukuba uziqhwayele inkathazo eya kukukhahlela phantsi wena ndawonye noJuda?’ ”

20 Kambe ke uAmaziya zange aphulaphule, kuba kaloku uThixo wayeselezimisele ukumnikezela kuYehowashe, kuba esuke wathembela kwizithixo zamaEdom.

21 Ngoko ke uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wamhlasela. Yena noAmaziya ukumkani wakwaJuda baqubisana eBhete-shemeshe kwelakwaJuda.

22 UJuda ke wavuthululwa nguSirayeli, yaza ke yayileyo indoda yabalekela kowayo.

23 UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmaziya ukumkani wakwaJuda unyana kaYowashe, ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe. Ke uYehowashe wamsa eJerusalem, wafika waludiliza udonga lweJerusalem, ukusukela kwiSango lakwaEfrayim ukuya kwiSango leKona, umgama okwisithuba seemitha ezimakhulu mabini.

24 Wayithimba yonke igolide nesiliva, nayo yonke impahla awayifumana endlwini kaThixo, zinto ezo zazigcinwe nguObhedi-edom, ndawonye nobutyebi basebhotwe namabanjwa lawo, waza ke wabuyela eSamariya.

25 Ke uAmaziya unyana kaYowashe ukumkani wakwaJuda wahlala iminyaka elishumi elinesihlanu emva kokufa kukaYehowashe unyana kaYowahazi ukumkani wakwaSirayeli.

26 Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Amaziya, ukusukela ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo encwadini yookumkani bakwaJuda nabakwaSirayeli.

27 UAmaziya ke wathi akugwilika ekulandeleni *uNdikhoyo asuka amenzela iyelenqe amawabo eJerusalem, waza ke wabalekela eLakishe. Phofu ke nalapho amthumelela amadoda, aza ambulalela khona.

28 Ke kaloku wathwalwa ngamahashe wabuyiswa, waza wangcwatywa phakathi kooyise kwisixeko sikaJuda.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36