2 Yeziganeko 28 XHO96

UAhazi ukumkani wakwaJuda

1 UAhazi wayeneminyaka emashumi mabini ukungena kwakhe embusweni, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesithandathu eJerusalem. Yena akalithathanga ikhondo likayise-mkhulu uDavide; ewe, akazange enze okuhle emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe.

2 Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wada wenza imifanekiso eqingqiweyo, esenzela inkonzo kaBhali.

3 Wayetshisa amadini kwintili kaBhen-hinom, wada wenza isikizi lokufaka unyana wakhe emlilweni, esenza idini ngaye, siko elo lalisenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo ekungeneni kwamaSirayeli.

4 Wayesenza amadini neziqhumiso ezindaweni zonke zonqulo ezindulini naphantsi kwemithi yonke efukufuku.

5 Ngoko ke uNdikhoyo uThixo wakhe wamnikela kukumkani wama-Aram. Ama-Aram amoyisa, athimba abantu abaninzi, aya nabo eDamasko.Kananjalo wanikelwa nasesandleni sokumkani wakwaSirayeli owamshiya neengxwelerha ezininzi.

6 Ngamini-nye uPeka unyana kaRemaliya wabulala ikhulu elinamashumi amabini lamawaka kumajoni akwaJuda; kaloku uJuda lo wayemlahlile uNdikhoyo uThixo wooyise.

7 UZikri ijoni lomEfrayim labulala uMaseya unyana kakumkani, noAzerikam iphakathi eliphambili ebhotwe, noElikana isekela likakumkani.

8 AmaSirayeli emka namabanjwa angamawawo, amakhulu amabini amawaka, bengabafazi, amantombazana, namakhwenkwe. Kanti ke bemka nento eninzi yamaxhoba, baya nayo eSamariya.

9 Kodwa ke khona apho kwakukho *umshumayeli kaNdikhoyo ogama linguOdede. Yena wabahlangabeza xa umkhosi ubuyela eSamariya. Wathi kubo: “Niyabona, uNdikhoyo uThixo wooyihlo umnikele esandleni senu uJuda ngenxa yengqumbo yakhe kuye. Kambe ke nina nibabulele ngengqumbo efikelele nasezulwini.

10 Phezu koko ke ngoku, la madoda nabafazi bakwaJuda naseJerusalem nizimisele ukubenza amakhoboka. Ukanti nani ngokwenu ninobutyala phambi koNdikhoyo uThixo wenu.

11 Ngoko ke ndiphulaphuleni! Amawenu la niwathimbileyo wagoduseni, kungenjalo ingqumbo kaNdikhoyo iphezu kwenu.”

12 Ke kaloku ezinye zeenkokheli zakwaEfrayim uAzariya unyana kaYohanan, uBherakiya unyana kaMeshilemoti, uHezekiya unyana kaShalum, noAmasa unyana kaHadelayi, zathetha nabo babevela edabini,

13 zathi: “Musani ukuza nabo apha abo bathinjwa, kuba siya kuba netyala phambi koNdikhoyo. Ngaba nifuna ukusongeza na isono netyala lethu? Kaloku ityala lethu selilikhulu kakade, nengqumbo kaNdikhoyo iphezu koSirayeli.”

14 Ngoko ke amajoni lawo abakhulula abathinjwa abo, awancama namaxhoba lawo apho phambi kwamaphakathi kunye nebandla liphela.

15 Ke la madoda selekhankanyiwe awathatha amabanjwa lawo, aza emaxhobeni apho athatha iimpahla abanxiba abo babehamba ze. Bawanika iimphala zokunxiba, iimbadada, ukutya nento eselwayo, ngokunjalo namayeza okuthambisa. Abo babebuthathaka babakhwelisa koondlebe-nde. Ewe, babathatha babagodusa babasa kumawabo eJeriko, isixeko samasundu, baza ke bona babuyela eSamariya.

16 Ngelo thuba ke ukumkani uAhazi wathumela kookumkani baseAsiriya ecela uncedo.

17 Kaloku namaEdom ayephindile amhlasela uJuda, aza emka nabathinjwa.

18 Kanti ke namaFilistiya azihlasela iidolophu ezisemazantsi eentaba kumathafa elakwaJuda nakwelasentlango. Bayithimba iBhete-shemeshe, iAyalon, iGederoti, iSoko, iTimna, neGimzo, namaphandle aziphahlileyo.

19 UNdikhoyo wamthobela eluthulini uJuda ngenxa yesimo sika-Ahazi ukumkani wakhe. Kaloku yena wakhuthaza inkohlakalo kwaJuda, akanyaniseka kuNdikhoyo.

20 Ke kaloku ukumkani waseAsiriya uTigilati-pilezere weza kuye, kodwa ke endaweni yokumnceda wamzisela inkathazo.

21 UAhazi ke wathatha ezinye kwizinto zendlu kaNdikhoyo, nasebhotwe, nakumatshawe, warhuma ngazo apho kukumkani waseAsiriya. Kambe ke naleyo zange imncede nto.

22 Ngelo thuba lakhe leenkathazo ke ukumkani uAhazi wathath' unyawo ukunganyaniseki oku kuNdikhoyo.

23 Wenzela izithixo zaseDamasko amadini, sizwe eso ke sasimoyisile emfazweni. Kaloku wayesithi: “Njengoko izithixo zookumkani bakwa-Aram zibancedile nje, nam ke ndiza kuzenzela amadini ukuze zindincede.” Kambe ke eso senzo sesona samkhahlela phantsi, kwaba seso nakuSirayeli jikelele.

24 UAhazi waziqokelela wazonakalisa izinto ezazisetyenziswa endlwini kaThixo. Wazivala iingcango zendlu kaNdikhoyo, waza wamisa amaqonga amadini kuzo zonke iikona zezitalato eJerusalem.

25 Kuzo zonke iidolophu zelakwaJuda wakha iindawo eziphakamileyo zonqulo ukuze kwenzelwe izithixo amadini, nto leyo ke yawuxhokonxayo umsindo kaNdikhoyo uThixo wooyise.

26 Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Ahazi nazo zonke iindlela zakhe, ukusukela ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo encwadini yookumkani bakwaJuda nabakwaSirayeli.

27 UAhazi ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa kwisixeko iJerusalem. Kambe ke yena akafihlwanga kumangcwaba ookumkani bakwaSirayeli. Ke esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uHezekiya.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36