16 Ke uSirayeli ewonke uthe akubona ukuba ukumkani uyala ukuphulaphula, wamphendula wathi:“Sinasabelo sini na kuDavide?Sinanxaxhebani na kunyana kaJese?Godukani, maSirayeli!Ke wena, Davide, jongana nendlu yakho!”Ngoko ke onke amaSirayeli agoduka.
17 Kambe ke wona amaSirayeli awayemi kwiidolophu zakwaJuda ahlala ephantsi kolawulo lukaRehobhowam.
18 Ukumkani uRehobhowam wathumela uAdoniram owayeyingqwayi-ngqwayi kwabasebenza ngonyanzelo, kodwa amaSirayeli asuka amxuluba ngamatye wafa. Phofu ke yena ukumkani waba nako ukungena enqwelweni, wasabela eJerusalem.
19 Unanamhla ke uSirayeli usavukelene nendlu kaDavide.