1 Akufika eJerusalem uRehobhowam waqokelela indlu kaJuda nekaBhenjamin – amawaka alikhulu elinamashumi asibhozo ewonke amadoda omkhosi – ukuze alwe noSirayeli alubuyisele ulawulo kuRehobhowam.
2 Kambe ke kwafika eli lizwi *likaNdikhoyo kuShemaya umfo wakwaThixo lisithi:
3 “Thetha noRehobhowam unyana kaSolomon ukumkani wakwaJuda namaSirayeli onke kwaJuda nakwaBhenjamin, uthi:
4 ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Musani ukuya kulwa namawenu. Godukani nonke ngabanye, kuba le nto yenziwe ndim.’ ” Ngoko ke bawathobela amazwi kaNdikhoyo, babuya ekuhlaseleni uJerobhowam.
5 URehobhowam wema eJerusalem, waza wazihlaziya wazakha iidolophu ezithile ukukhusela uJuda.
6 Wahlaziya iBhetelehem, iEtam, iTekowa,