6 Wahlaziya iBhetelehem, iEtam, iTekowa,
7 iBhete-zure, iSoko, iAdulam,
8 iGati, iMeresha, iZifi,
9 iAdorayim, iLakishe, iAzeka,
10 iZoram, iAyalon, neHebron. Ezi yayiziidolophu ezinqatyisiweyo kwaJuda nakwaBhenjamin.
11 Wazomeleza iinqaba zazo, wafaka iingqwayi-ngqwayi kuzo nesixhaso sokutya, amafutha omnquma, newayini.
12 Kuzo zonke ezi zixeko wabeka amakhaka nemikhonto, wazitsho zomelela kunene. Ngoko ke uJuda noBhenjamin yaba ngabakhe.