4 Wazithimba iidolophu ezinqatyisiweyo zakwaJuda, wada waya kuthi xhaxhe eJerusalem.
5 Ngelo thuba ke kwafika umshumayeli uShemaya kuRehobhowam neenkokheli zakwaJuda ezaziqokelelene eJerusalem ngokoyika uShishaki, wathetha nabo wathi: “UNdikhoyo uthi: ‘Kaloku nindilahlile, ngoko ke ngoku nam ndiza kuniyekela kuShishaki.’ ”
6 Ke kaloku iinkokheli zakwaSirayeli kunye nokumkani zazithoba zathi: “UNdikhoyo wenza ngobulungisa!”
7 Ke uNdikhoyo, akubona ukuba bayazithoba, wathumela eli lizwi kuShemaya wathi: “Ngenxa yokuba bezithobile andisayi kubatshabalalisa, koko ndokhawuleza ndibahlangule. Andisayi kuwuphokozela eJerusalem ngoShishaki umsindo wam.
8 Kambe ke baza kuba phantsi kwakhe, ukuze bawufunde umahluko phakathi kokukhonza mna nokukhonza ookumkani bezinye izizwe.”
9 Ke kaloku uShishaki ukumkani waseJiputa wayihlasela iJerusalem, waza wabuthimba ubutyebi obabusendlwini kaNdikhoyo nobo babukoovimba basebhotwe. Wabutha konke nje kunye naloo makhaka egolide ayenziwe nguSolomon.
10 Ngoko ke ukumkani uRehobhowam wenza amakhaka obhedu endaweni yawo, waza wawanikezela ukuba agadwe ngabalindi ababelinda isango lasebhotwe.