8 Kambe ke baza kuba phantsi kwakhe, ukuze bawufunde umahluko phakathi kokukhonza mna nokukhonza ookumkani bezinye izizwe.”
9 Ke kaloku uShishaki ukumkani waseJiputa wayihlasela iJerusalem, waza wabuthimba ubutyebi obabusendlwini kaNdikhoyo nobo babukoovimba basebhotwe. Wabutha konke nje kunye naloo makhaka egolide ayenziwe nguSolomon.
10 Ngoko ke ukumkani uRehobhowam wenza amakhaka obhedu endaweni yawo, waza wawanikezela ukuba agadwe ngabalindi ababelinda isango lasebhotwe.
11 Wayesithi ukumkani xa aya endlwini kaNdikhoyo abalindi bahambe naye bephethe loo makhaka, aze ke akumka bawabuyisele endlwini yabo.
12 Ngenxa yokuzithoba kwakhe ke uRehobhowam umsindo kaNdikhoyo wetha phezu kwakhe, akamtshabalalisa ngokupheleleyo. Ewe, kwakusekho noko okuhle kwaJuda.
13 Ke ukumkani uRehobhowam wazinza eJerusalem, waza wawuqhuba wahamba kakuhle umbuso wakhe. Ukungena kwakhe embusweni wayeneminyaka emashumi mane ananye, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesixhenxe eJerusalem, isixeko esachongwayo nguNdikhoyo kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli, apho walimisa khona igama lakhe. Unina yayinguNama umAmonikazi.
14 Wênza okubi, kuba akazange azimisele ukumlandela ngomxhelo wakhe uNdikhoyo.