14 UJuda ke wathi akujonga ngemva wafumanisa ukuba uhlaselwa ngaphambili nangesemva. Waza ke wakhala kuNdikhoyo, ababingeleli bona bakhalisa amaxilongo.
15 Ke wona amadoda akwaJuda ahlab' umkhosi. Yathi yakuvakala intlaba-mkhosi, uThixo wamvuthulula uJerobhowam namaSirayeli onke phambi koAbhiya noJuda.
16 AmaSirayeli ke aswantsula phambi koJuda; uThixo wamhlangula uJuda esandleni sawo.
17 UAbhiya namadoda akhe bawabetha amaSirayeli atsho anelahleko enkulu, kwawa amawaka angamakhulu amahlanu eengxwelerha kuloo majoni aziimbalasane akwaSirayeli.
18 Ewe, uSirayeli woyiswa ngeso sihlandlo, uJuda yena wabuya noloyiso, kuba kaloku wayekholose ngoNdikhoyo uThixo wooyise.
19 UAbhiya wamsukelisa uJerobhowam, waza wathimba ezi dolophu: iBhetele, iYeshana ne-Efron namaphandle ayingqingileyo.
20 UJerobhowam ke akaphindanga abe namandla ngethuba lonke lika-Abhiya. UNdikhoyo wambetha, waza ke wafa.