12 UNdikhoyo ke wawabetha amaKushe lawo, oyiswa nguAsa noJuda. AmaKushe abaleka,
13 waza uAsa nomkhosi wakhe wawasukela wada wee xhaxhe ngeGerare. Kwafa inyambalala yamaKushe, ngangokude angabi sabi nako ukuphinda enze ibuyambo; ewe, uNdikhoyo nomkhosi wakhe wawatshabalalisa. Ke amadoda akwaJuda athatha into eninzi yamaxhoba.
14 Azitshabalalisa zonke iidolophana ezijikeleze iGerare; kaloku bonke babengcangcazela besoyika uNdikhoyo. Bazitshabalalisa zonke ezo dolophana, abe ke amaxhoba emaninzi gqitha apho.
15 Kananjalo bazihlasela nezigqubo zabelusi, bathimba imihlambi yeegusha neebhokhwe neenkamela; baza ke bagoduka baya eJerusalem.