5 Akuyiva le nto uBhayesha wayeka ukwakha engqinga iRama, wawushiya loo msebenzi.
6 Ke ukumkani uAsa weza nawo onke amadoda akwaJuda, baza bawafudusa eRama amatye kunye nemithi eyayisetyenziswa khona nguBhayesha. Ngezo zinto ke wakha iGebha neMizpa.
7 Ngelo thuba ke imboni uHanani yeza kukumkani uAsa wakwaJuda, yathi kuye: “Ngenxa yokuba usuke wakholosa ngokumkani wama-Aram endaweni yokukholosa ngoNdikhoyo uThixo wakho, ngoko ke umkhosi wama-Aram uza kuphuncuka esandleni sakho.
8 Andithi na amaKushe namaLibhiya ayengumkhosi onamandla onenyambalala yeenqwelo nabakhweli-mahashe? Kanti ke wathi ngokukholosa ngoNdikhoyo, yena wawunikela esandleni sakho loo mkhosi.
9 Kaloku wona amehlo kaNdikhoyo akulo lonke ihlabathi, yaye ke uyabomeleza abo babambelele kuye ngokupheleleyo. Ewe, wenze into yobuyatha; ngoko ke ukusukela ngoku uza kuntyumpa-ntyumpeka emfazweni.”
10 Kambe ke uAsa wasuka wakhathazeka yiloo nto yayithethwe yimboni kuye, ngangokuba ade ayibambe ayivalele entolongweni. Kananjalo ke uAsa wasuka ngoku wabangcungcuthekisa ngengcinezelo abanye abantu.
11 Ke kaloku iziganeko zolawulo luka-Asa, ukusuka ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo zibhalwe encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda nabakwaSirayeli.