1 Ke kaloku emva koku amaMowabhi nama-Amon ekunye namaMawun aya kulwa noYoshafati.
2 Abathile ke beza kuxelela uYoshafati bathi: “Nantso inyambalala yomkhosi ophuma e-Edom isiza kukuhlasela, ingaphaya ngaphesheya kolwandle. Seyichophele ukuhlasela iphaya eHazezon-tamare.” (YiEngedi ke leyo.)
3 UYoshafati ke wothuka, wazimisela ukufuna uncedo *kuNdikhoyo, wamisela inzila kuJuda ewonke.
4 AbakwaJuda ke baqokelelana ukuza kufuna uncedo kuNdikhoyo; ewe, beza bephuma kuzo zonke iidolophu zakwaJuda befuna uNdikhoyo.