2 Abathile ke beza kuxelela uYoshafati bathi: “Nantso inyambalala yomkhosi ophuma e-Edom isiza kukuhlasela, ingaphaya ngaphesheya kolwandle. Seyichophele ukuhlasela iphaya eHazezon-tamare.” (YiEngedi ke leyo.)
3 UYoshafati ke wothuka, wazimisela ukufuna uncedo *kuNdikhoyo, wamisela inzila kuJuda ewonke.
4 AbakwaJuda ke baqokelelana ukuza kufuna uncedo kuNdikhoyo; ewe, beza bephuma kuzo zonke iidolophu zakwaJuda befuna uNdikhoyo.
5 Ke uYoshafati waphakama apho kwelo bandla likaJuda kunye neJerusalem endlwini kaNdikhoyo phambi kwaloo nkundla intsha,
6 waza wathi: “Ndikhoyo, Thixo woobawo, andithi na kaloku unguThixo osezulwini? Nguwe olawula zonke izikumkani zezizwe. Amandla nokomelela kusesandleni sakho; akukho mntu unokumelana nawe.
7 Ke kaloku, wena Thixo wethu, wabadudula wabakhupha abemi beli lizwe, amaSirayeli ebukele, waza lona walinikela ukuba libe lelesizukulwana sika-Abraham isihlobo sakho ngonaphakade.
8 Bema kulo ke, baza kulo bakha indawo engcwele egameni lakho, besithi: