18 UJoyada wamisela ababingeleli ukuze bavelele indlu kaNdikhoyo, abo ke ngabo yayingabaLevi ababemiselwe ukusebenza endlwini kaThixo nguDavide, ukuze banikele amadini kaNdikhoyo atshiswayo njengoko kubhaliwe encwadini kaMosis. Loo nto babeyenza ngemivuyo bememelela ngokomlomo kaDavide.
19 Wamisela nabagcini-masango emasangweni endlu kaNdikhoyo, ukuze kungangeni namnye kubantu abangahlambulukanga.
20 Waqokelela iingqwayi-ngqwayi zamabutho alikhulu, izikhulu nabalawuli babantu, nabo bonke abemi belizwe, wamthatha nokumkani endlwini kaThixo, baya kungena ngesango elingasentla apho ebhotwe, ukumkani bamhlalisa kwisihlalo sobukhosi,
21 baza ke bonke abantu bavuya. Isixeko eso ke saba nokuzola, kuba uAtaliya ebulewe ngekrele.