3 UJoyada wamfunela abafazi ababini, waza ke wanoonyana neentombi.
4 Emva koko ke uYowashe wazimisela ukuyihlaziya indlu kaNdikhoyo.
5 Wabiza ababingeleli nabaLevi, wathi kubo: “Ngenani kwiidolophu zakwaJuda, niqokelele imali engumrhumo wonyaka kuwo onke amaSirayeli, ukuze kulungiswe indlu yoThixo wenu. Loo nto ke yenzeni ngoku.” Kodwa ke abaLevi abayenzanga kwangoko loo nto.
6 Ngoko ke ukumkani wabiza umbingeleli omkhulu uJoyada, wathi kuye: “Ngani ukuba ungatsho abaLevi bezise imali engumrhumo owamiswa nguMosis isicaka *sikaNdikhoyo waza wabethelelwa libandla likaSirayeli – mrhumo lowo abaLevi bebefanele ukuwuqokelela kumaJuda naseJerusalem – ingumrhumo wentente engqinela ubukho bukaNdikhoyo.”
7 Ke amahlakani alaa mfazi ukhohlakeleyo uAtaliya aqhekeza indlu kaThixo, aza athatha izitya ezingcwele zendlu kaNdikhoyo, azisebenzisa kunqulo lukaBhali.
8 Ngomyalelo kakumkani kwenziwa ityesana, yaza yabekwa ngaphandle kwesango lendlu kaNdikhoyo.
9 Wonke uJuda neJerusalem wakhutshelwa isaziso sokuba makezise kuNdikhoyo loo mrhumo wamiswa nguMosis isicaka sikaThixo, ewumisela uSirayeli entlango.