4 Emva koko ke uYowashe wazimisela ukuyihlaziya indlu kaNdikhoyo.
5 Wabiza ababingeleli nabaLevi, wathi kubo: “Ngenani kwiidolophu zakwaJuda, niqokelele imali engumrhumo wonyaka kuwo onke amaSirayeli, ukuze kulungiswe indlu yoThixo wenu. Loo nto ke yenzeni ngoku.” Kodwa ke abaLevi abayenzanga kwangoko loo nto.
6 Ngoko ke ukumkani wabiza umbingeleli omkhulu uJoyada, wathi kuye: “Ngani ukuba ungatsho abaLevi bezise imali engumrhumo owamiswa nguMosis isicaka *sikaNdikhoyo waza wabethelelwa libandla likaSirayeli – mrhumo lowo abaLevi bebefanele ukuwuqokelela kumaJuda naseJerusalem – ingumrhumo wentente engqinela ubukho bukaNdikhoyo.”
7 Ke amahlakani alaa mfazi ukhohlakeleyo uAtaliya aqhekeza indlu kaThixo, aza athatha izitya ezingcwele zendlu kaNdikhoyo, azisebenzisa kunqulo lukaBhali.
8 Ngomyalelo kakumkani kwenziwa ityesana, yaza yabekwa ngaphandle kwesango lendlu kaNdikhoyo.
9 Wonke uJuda neJerusalem wakhutshelwa isaziso sokuba makezise kuNdikhoyo loo mrhumo wamiswa nguMosis isicaka sikaThixo, ewumisela uSirayeli entlango.
10 Onke amaphakathi kwakunye nabantu bonke, bakuthakazelela ukuzisa loo mrhumo, baza ke bamana bewufaka apho kuloo tyesana yada yazala.