1 Ke onke amaJuda athatha u-Uziya ambeka wangukumkani esikhundleni sikayise uAmaziya. U-Uziya lo ke wayeneminyaka elishumi elinesithandathu ezelwe.
2 Nguye owayakhayo ngokutsha iElati, waza wayibuyisela kuJuda emva kokusweleka kuka-Amaziya.
3 U-Uziya wangena ebukhosini eneshumi elinesithandathu leminyaka, waza ke walawula eJerusalem iminyaka engamashumi amahlanu anambini. Unina yayinguYekoliya intombi yaseJerusalem.
4 U-Uziya wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, njengoko wenzayo noyise uAmaziya.