2 Nguye owayakhayo ngokutsha iElati, waza wayibuyisela kuJuda emva kokusweleka kuka-Amaziya.
3 U-Uziya wangena ebukhosini eneshumi elinesithandathu leminyaka, waza ke walawula eJerusalem iminyaka engamashumi amahlanu anambini. Unina yayinguYekoliya intombi yaseJerusalem.
4 U-Uziya wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, njengoko wenzayo noyise uAmaziya.
5 Wayemfuna ngenzondelelo uThixo ngemihla kaZakariya owayemluleka ngokuhlonela uThixo. Ngalo lonke ithuba emlandela uNdikhoyo, uThixo wamthi jize ngempumelelo.
6 U-Uziya walwa namaFilistiya, waza wazidiliza iindonga zaseGati nezaseYabhene nezaseAshdode. Kamva ke wakha iidolophu ngaseAshdode nakwezinye iindawo apho kwelamaFilistiya.
7 UThixo wamnceda ngakumaFilistiya nama-Arabhu awayehlala eGur-bhali, ndawonye namaMewun.
8 Ama-Amon ayekhuphela u-Uziya imirhumo; ewe, udumo lwakhe lwanabela nakwimida yeJiputa. Kaloku wayenamandla.