5 Wayemfuna ngenzondelelo uThixo ngemihla kaZakariya owayemluleka ngokuhlonela uThixo. Ngalo lonke ithuba emlandela uNdikhoyo, uThixo wamthi jize ngempumelelo.
6 U-Uziya walwa namaFilistiya, waza wazidiliza iindonga zaseGati nezaseYabhene nezaseAshdode. Kamva ke wakha iidolophu ngaseAshdode nakwezinye iindawo apho kwelamaFilistiya.
7 UThixo wamnceda ngakumaFilistiya nama-Arabhu awayehlala eGur-bhali, ndawonye namaMewun.
8 Ama-Amon ayekhuphela u-Uziya imirhumo; ewe, udumo lwakhe lwanabela nakwimida yeJiputa. Kaloku wayenamandla.
9 U-Uziya wakha iinqaba eJerusalem kwiSango leKona, nakwiSango leNtili, nasedolweni lodonga, waza ke waziqinisa.
10 Nasentlango wakha iinqaba, wemba namaqula amaninzi njengoko wayenemfuyo eninzi emazantsi eentaba nasemathafeni. Wayenabasebenzi bamasimi nabezidiliya ezintabeni nakwimihlaba echumayo – kaloku wayewuthanda umhlaba.
11 U-Uziya wayenomkhosi oqeqeshiweyo, ohleli uchophele ukuphuma ngamabutho ngokwezigaba zawo. Wawusesandleni sikaYehiyeli unobhala kunye noMaseya igosa ababephantsi koHananiya elinye lamaphakathi asebhotwe.