14 kwinzala kaHeman: uJewuyeli noShimeyi;kwinzala kaJedutun: uShemaya noUziyeli.
15 Bakuba bewaqokelele amawabo bazihlambulula, baya kuhlambulula nendlu kaNdikhoyo ngokomyalelo kakumkani efezekisa ilizwi likaNdikhoyo.
16 Ababingeleli bangena endaweni engcwele endlwini kaNdikhoyo bayihlambulula. Yonke into eyafumaneka inomlaza bayikhuphela enkundleni yendlu kaNdikhoyo. Zonke izinto ezinjalo zathathwa ngabaLevi, baya kuzigalela kwintili yeKedron.
17 Le ntlambululo bayiqala ngomhla wokuqala kwinyanga yokuqala, kwaza ke kwathi kuba ngumhla wesibhozo wenyanga leyo babe sebefikelele kwivaranda kaNdikhoyo. Yaba zezinye iintsuku ezisibhozo behlambulula indlu kaNdikhoyo ngokwayo, baza ke bagqibezela ngomhla weshumi elinesithandathu kwakuloo nyanga yokuqala.
18 Baza ke baya kukumkani uHezekiya, bathi: “Xa iyonke indlu kaNdikhoyo siyihlambulule: iqonga lamadini atshiswayo nazo zonke izinto ezisetyenziswa kulo, kunye netafile yesonka esisodwa nezinto zayo.
19 Sizilungisile sazihlambulula zonke izinto ezakhutshwa ngukumkani uAhazi koko kunganyaniseki kwakhe ngethuba lakhe. Kungokunje nâzo phambi kweqonga likaNdikhoyo.”
20 Kwakusasa ngemini elandelayo ukumkani uHezekiya wawaqokelela amagosa esixeko, waza waya nawo endlwini kaNdikhoyo.