1 Ke kaloku uSolomon waqalisa ukuyakha indlu *kaNdikhoyo eJerusalem kwintaba iMoriya, apho uNdikhoyo wayebonakele khona kuyise uDavide. Kwakuloo ndawo yalungiselelwa nguDavide esandeni sokubhula sika-Aravena umJebhusi.
2 Ke ukwakha oko wakuqala ngomhla wesibini kwinyanga yesibini ngonyaka wakhe wesine engukumkani.
3 Isiseko sendlu kaThixo eyakhiwe nguSolomon sasiziimitha ezingamashumi amabini anesixhenxe ubude, siziimitha ezilithoba ububanzi.
4 Ke yona ivaranda phambili phaya yayiziimitha ezilithoba ububanzi, ukuphakama kuziimitha ezingamashumi amahlanu anane. Umphakathi lo ke wona wawutyatyekwe ngegolide.
5 Igumbi elikhulu laloo ndlu walaleka ngompayini, walityabeka ngegolide, walihombisa ngemifanekiso yamasundu nemixokelelwana.