8 Walakha negumbi eliyingcwele kangcwele. Ubude balo babulingana nobubanzi bendlu iyonke, liziimitha ezilithoba ubude nobubanzi. Iindonga zalo wazityabeka ngegolide engaphezu kweetoni ezingamashumi amabini.
9 Izikhonkwane zegolide ezazisetyenziswa zazinobunzima obungamakhulu amahlanu anamashumi asixhenxe eegram. Kananjalo namagumbi aphezulu wawatyabeka kwangegolide.
10 Ngaphakathi apho kwigumbi eliyingcwele kangcwele wakrola izithunywa ezimaphiko zazibini, wazityabeka ngegolide.
11-12 Iphiko ngalinye lezo zithunywa laliziimitha ezimbini ezinekota ubude balo. Isithunywa ngasinye sasithe naa amaphiko, elinye ke iphiko lirhece udonga lwendlu leyo; kanti ke amabini amaphiko kwezo zithunywa ayerhecana.
13 Amaphiko ezi zithunywa ayethathe umgama oziimitha ezilithoba. Zazimi ngeenyawo, zikhangele ngaphakathi.
14 Umkhusane wawenza ngelaphu eliluhlaza, nelimsobo, nelimfusa, waza wawuhombisa ngemifanekiso ethungiweyo yezithunywa ezimaphiko.
15 Phambi kwendlu leyo wamisa iintsika ezimbini, nganye kuzo iziimitha ezilishumi elinesihlanu ezinesiqingatha ubude. Intsika nganye yayinentloko ekuphakama kuziimitha ezimbini ezinekota.