11 Kambe ke abanye kwa-Ashere, kwaManase, nakwaZebhulon, bazithoba baya eJerusalem.
12 KwaJuda uThixo abantu wabenza bavana, bamxhelo-mnye ekufezekiseni umyalelo kakumkani namaphakathi akhe ngokwelizwi likaNdikhoyo.
13 EJerusalem kwahlanganisana isihlwele sabantu, beze kubhiyozela iSidlo seSonka esingaNyuswanga, kwinyanga yesibini.
14 EJerusalem bawasusa amaqonga amadini kunye nalawo eziqhumiso, baya kuwaphosa kwintili yeKedron.
15 Ixhwane lePasika balixhela ngomhla weshumi elinesine kwinyanga yesibini. Ababingeleli nabaLevi baba neentloni, baza bazihlambulula, benza amadini atshiswayo endlwini kaNdikhoyo.
16 Baza ke bema ngeendawo zabo ngokwemigqaliselo yomthetho kaMosis umfo wakwaThixo. Ababingeleli bafefa ngalo igazi ababelinikwe ngabaLevi.
17 Apho kweso sihlwele kwathi kanti baninzi abantu ababengazihlambululanga, ngoko ke abaLevi kwafuneka babaxhelele amaxhwane bonke abo *babenomlaza, bengenako ukuwanikela kuNdikhoyo ngokwabo amaxhwane abo.