17 Apho kweso sihlwele kwathi kanti baninzi abantu ababengazihlambululanga, ngoko ke abaLevi kwafuneka babaxhelele amaxhwane bonke abo *babenomlaza, bengenako ukuwanikela kuNdikhoyo ngokwabo amaxhwane abo.
18 Nangona uninzi lwabantu ababephuma kwaEfrayim, kwaManase, kwaIsakare, nakwaZebhulon babengazihlambululanga, kodwa nabo bathatha inxaxheba apho ePasikeni – nto leyo yayinxa mnye nomthetho. Kambe ke uHezekiya wabathandazela wathi: “Ngamana uNdikhoyo olungileyo wabaxolela bonke,
19 mntu ngamnye ozimisele ukufuna uThixo uNdikhoyo, uThixo wooyise, noba akahlambulukanga ngokwemigqaliselo yendawo engcwele.”
20 UNdikhoyo ke wawuva loo mthandazo kaHezekiya, wabaphilisa abantu.
21 Loo maSirayeli ayekhona eJerusalem asibhiyozela iSidlo seSonka esingaNyuswanga iintsuku zada zasixhenxe, benemincili novuyo olukhulu; baye bona abaLevi nababingeleli bememelela bedumisa uNdikhoyo yonke imihla, bekhatshwa zizikhalisi zokudumisa uNdikhoyo.
22 UHezekiya wabakhuthaza bonke abaLevi ababewenza ngenyameko umsebenzi kaNdikhoyo. Ngezo ntsuku zisixhenxe ke babesitya izabelo zabo, benikela amadini obudlelwana, bedumisa uNdikhoyo uThixo wooyise.
23 Ibandla lonke lavumelana ukubhiyoza esinye isixhenxe seentsuku. Ngoko ke babhiyoza ngemincili ezinye iintsuku ezisixhenxe.