18 Babandakanya nabantwana, abafazi, oonyana neentombi zebandla lonke, abo bakuludwe lweenkcukacha zomlibo. Kaloku babethembekile ekuzihlambululeni.
19 Ke ababingeleli, inzala ka-Aron, abo babehlala emaphandleni ajikeleze iidolophu, kanti nasezidolophini, kwakhethwa amadoda ukuhambisa izabelo kuye wonke oyindoda phakathi kwabo, nakubo bonke abakuludwe lwemilibo yabaLevi.
20 Nantso ke imisebenzi eyenziwa nguHezekiya kulo lonke elakwaJuda; ewe, wenza okuhle nokufanelekileyo, wanyaniseka kuNdikhoyo uThixo wakhe.
21 Kuko konke awayekwenzela indlu kaThixo, nasekuthobeleni umthetho nemiyalelo, wayesoloko efunana noThixo wakhe, emsebenzela ngomxhelo wakhe wonke. Ngenxa yale nto ke waba nempumelelo.