1 Emva kwezo zenzo zentembeko zikaHezekiya elakwaJuda lahlaselwa nguSenakeribhe ukumkani waseAsiriya. Wazingqinga izixeko ezinqatyisiweyo, ezimisele ukutyhoboza azithimbele kuye.
2 UHezekiya akuqonda ukuba uSenakeribhe ugalelekile waye ezimisele ukulwa neJerusalem,
3 wathetha-thethana namaphakathi akhe, kunye namagosa omkhosi, eceba ukuvala amanzi asuka emithonjeni engaphandle kwesixeko, baza ke bavumelana naye.
4 Kwaqokelelwa iqela elikhulu labantu, baza bayivala yonke imithombo kunye nentlambo eyayinqumla kwelo lizwe. Babesithi: “Asinakubayeka ookumkani baseAsiriya beze, ze bafumane amanzi angaka.”
5 Wazabalaza ezilungisa zonke iindawo ezonakeleyo eludongeni, esakha neenqaba eziphakamileyo. Wakha nolunye udonga ngaphaya kwalo, waza walomeleza ungqameko lwesixeko sikaDavide. Kananjalo wenza nentaphane yezixhobo kunye namakhaka.