12 Andithi kaloku uHezekiya ngokwakhe uzidilizile iindawo eziphakamileyo zonqulo kwakunye namaqonga, esithi kuJuda neJerusalem: ‘Nqulani kwiqonga elinye, nitshise namadini kwakulo’?
13 “Ngaba anizazi na izinto ezenziwa ngoobawo kunye nam lo kubantu bonke bezinye izizwe? Baba nako yini na oothixo bezo zizwe ukuhlangula umhlobo wabo esandleni sam?
14 Kwizizwe ezatshatyalaliswa ngoobawo, nguwuphi koothixo bazo owaba nako ukuhlangula abantu bazo kum? Uza kunihlangula njani lo Thixo wenu esandleni sam?
15 Hayi bo! Musani ukumyeka uHezekiya anikhohlise anilahlekise kangaka. Musani ukukholwa yinto ayithethayo, kuba akukho thixo nakusiphi na isizwe nombuso oselekhe wanako ukuhlangula abantu esandleni sam, nakweso soobawo. Wobeka phi ke lo Thixo wenu ukungabi nako ukunihlangula esandleni sam?”
16 Aqhabalaka ke amagosa kaSenakeribhe ethetha ngokuchaseneyo noNdikhoyo uThixo nangesicaka sakhe uHezekiya.
17 Kananjalo ukumkani lowo wabhala neeleta ethuka enyelisa uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, esithi: “Kwanjengokuba oothixo bezinye izizwe bengabanga nako ukuhlangula abantu bazo esandleni sam, ngokunjalo ke nalo Thixo kaHezekiya akayi kubahlangula esandleni sam abantu bakhe.”
18 Baza ke bakhwaza bethetha isiHebhere bebhekisa kubantu baseJerusalem ababeseludongeni apho, beboyikisa bebagrogrisa ngenjongo yokuba boyike, ukuze ke basihlasele isixeko eso.