16 Aqhabalaka ke amagosa kaSenakeribhe ethetha ngokuchaseneyo noNdikhoyo uThixo nangesicaka sakhe uHezekiya.
17 Kananjalo ukumkani lowo wabhala neeleta ethuka enyelisa uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, esithi: “Kwanjengokuba oothixo bezinye izizwe bengabanga nako ukuhlangula abantu bazo esandleni sam, ngokunjalo ke nalo Thixo kaHezekiya akayi kubahlangula esandleni sam abantu bakhe.”
18 Baza ke bakhwaza bethetha isiHebhere bebhekisa kubantu baseJerusalem ababeseludongeni apho, beboyikisa bebagrogrisa ngenjongo yokuba boyike, ukuze ke basihlasele isixeko eso.
19 UThixo waseJerusalem bamnyelisa kanye ngaloo ndlela babebanyelisa ngayo oothixo bezinye izizwe, oothixo abenziwe ngezandla zabantu.
20 Ke kaloku ukumkani uHezekiya, ekunye *nomshumayeli uIsaya unyana ka-Amoze, lo mbandela bawubhekisa kuThixo ngomthandazo.
21 Ke uNdikhoyo wathumela isithunywa sakhe sawatshabalalisa onke amadoda omkhosi neenkokheli namaphakathi awayekumkhosi wokumkani waseAsiriya. Waza ke warhoxa wagoduka enyoshoza. Uthe ke esangene kwindlu yothixo wakhe, abanye koonyana bakhe basuka bambulala ngekrele.
22 Ngoko ke uNdikhoyo wamhlangula uHezekiya nabantu baseJerusalem esandleni sikaSenakeribhe ukumkani waseAsiriya, ngokunjalo nasesandleni sezinye izizwe. Bebonke wabakhusela macal' onke.