18 Baza ke bakhwaza bethetha isiHebhere bebhekisa kubantu baseJerusalem ababeseludongeni apho, beboyikisa bebagrogrisa ngenjongo yokuba boyike, ukuze ke basihlasele isixeko eso.
19 UThixo waseJerusalem bamnyelisa kanye ngaloo ndlela babebanyelisa ngayo oothixo bezinye izizwe, oothixo abenziwe ngezandla zabantu.
20 Ke kaloku ukumkani uHezekiya, ekunye *nomshumayeli uIsaya unyana ka-Amoze, lo mbandela bawubhekisa kuThixo ngomthandazo.
21 Ke uNdikhoyo wathumela isithunywa sakhe sawatshabalalisa onke amadoda omkhosi neenkokheli namaphakathi awayekumkhosi wokumkani waseAsiriya. Waza ke warhoxa wagoduka enyoshoza. Uthe ke esangene kwindlu yothixo wakhe, abanye koonyana bakhe basuka bambulala ngekrele.
22 Ngoko ke uNdikhoyo wamhlangula uHezekiya nabantu baseJerusalem esandleni sikaSenakeribhe ukumkani waseAsiriya, ngokunjalo nasesandleni sezinye izizwe. Bebonke wabakhusela macal' onke.
23 Baba baninzi abazisa iminikelo kuNdikhoyo eJerusalem, nezipho ezixabisekileyo kuHezekiya ukumkani wakwaJuda. Ukusukela ngoko ke waxatyiswa zizo zonke izizwe.
24 Ngelo thuba ke uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. Wathandaza *uNdikhoyo, owasuka wamphendula ngomqondiso omangalisayo.