21 Ke uNdikhoyo wathumela isithunywa sakhe sawatshabalalisa onke amadoda omkhosi neenkokheli namaphakathi awayekumkhosi wokumkani waseAsiriya. Waza ke warhoxa wagoduka enyoshoza. Uthe ke esangene kwindlu yothixo wakhe, abanye koonyana bakhe basuka bambulala ngekrele.
22 Ngoko ke uNdikhoyo wamhlangula uHezekiya nabantu baseJerusalem esandleni sikaSenakeribhe ukumkani waseAsiriya, ngokunjalo nasesandleni sezinye izizwe. Bebonke wabakhusela macal' onke.
23 Baba baninzi abazisa iminikelo kuNdikhoyo eJerusalem, nezipho ezixabisekileyo kuHezekiya ukumkani wakwaJuda. Ukusukela ngoko ke waxatyiswa zizo zonke izizwe.
24 Ngelo thuba ke uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. Wathandaza *uNdikhoyo, owasuka wamphendula ngomqondiso omangalisayo.
25 Kambe ke uHezekiya wayethiwe lwale likratshi, akabusabela ububele abenzelweyo; ngoko ke ingqumbo kaNdikhoyo yaba phezu kwakhe ndawonye noJuda neJerusalem.
26 Ke kaloku uHezekiya nabantu baseJerusalem baguquka kwelo kratshi labo, yaza ke loo ngqumbo kaNdikhoyo ayaphinda ibe phezu kwabo ngemihla kaHezekiya.
27 UHezekiya wayesisinhanha sesityebi ehlonelwe. Ke wazenzela oovimba bokugcina isiliva, igolide, amatye exabiso, iziqholo, amakhaka, nazo zonke iindidi zezinto ezixabisekileyo.