23 Baba baninzi abazisa iminikelo kuNdikhoyo eJerusalem, nezipho ezixabisekileyo kuHezekiya ukumkani wakwaJuda. Ukusukela ngoko ke waxatyiswa zizo zonke izizwe.
24 Ngelo thuba ke uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. Wathandaza *uNdikhoyo, owasuka wamphendula ngomqondiso omangalisayo.
25 Kambe ke uHezekiya wayethiwe lwale likratshi, akabusabela ububele abenzelweyo; ngoko ke ingqumbo kaNdikhoyo yaba phezu kwakhe ndawonye noJuda neJerusalem.
26 Ke kaloku uHezekiya nabantu baseJerusalem baguquka kwelo kratshi labo, yaza ke loo ngqumbo kaNdikhoyo ayaphinda ibe phezu kwabo ngemihla kaHezekiya.
27 UHezekiya wayesisinhanha sesityebi ehlonelwe. Ke wazenzela oovimba bokugcina isiliva, igolide, amatye exabiso, iziqholo, amakhaka, nazo zonke iindidi zezinto ezixabisekileyo.
28 Kananjalo wakha izindlu zokugcina isivuno – ingqolowa, iwayini, namafutha omnquma – wakha nezitali zeendidi zeenkomo nezibaya zeegusha.
29 Wakha iidolophu, wazuza imihlambi yeegusha neenkomo – kaloku uThixo wayemphe ubutyebi obuninzi.