10 Yalungiselelwa inkonzo leyo, ababingeleli bema ngeendawo zabo nabaLevi kwizintlu zabo ngokomyalelo kakumkani.
11 Axhelwa amaxhwane ePasika, baza ababingeleli bafefa ngelo gazi lalinikezelwe kubo, baba bona abaLevi behlinza.
12 Bawabeka bucala amadini atshiswayo, ukuze bawanikezele kwizintlu zemizi, ukuze zinikele kuNdikhoyo njengoko kubhaliwe encwadini kaMosis. Benjenjalo ke nasezinkomeni.
13 Ngokommiselo ke amaxhwane ePasika bawosa emlilweni, wona amadini awodwa bawapheka ngeembiza, oongxawu, neepani, baza ke baphakela abantu ngokukhawuleza.
14 Kamva ke balungiselela bona kunye nababingeleli. Kaloku ababingeleli, inzala ka-Aron, babesenza amadini atshiswayo nawamanqatha kwada kwahlwa. Ngoko ke abaLevi bazilungiselela bona ziqu kwanababingeleli bendlu ka-Aron.
15 Iimvumi, inzala ka-Asafu, zazimi ngeendawo zazo ngokomyalelo kaDavide noAsafu noHeman noYedutun imboni kakumkani. Kwisango ngalinye abagcini-masango abemkanga, kuba amawabo abaLevi babebalungiselele.
16 Ngelo thuba ke yonke inkonzo kaNdikhoyo yaqhutywa, kubhiyozelwa iPasika, kusenziwa namadini atshiswayo kwiqonga likaNdikhoyo ngokomyalelo kakumkani uJosiya.