13 Ngokommiselo ke amaxhwane ePasika bawosa emlilweni, wona amadini awodwa bawapheka ngeembiza, oongxawu, neepani, baza ke baphakela abantu ngokukhawuleza.
14 Kamva ke balungiselela bona kunye nababingeleli. Kaloku ababingeleli, inzala ka-Aron, babesenza amadini atshiswayo nawamanqatha kwada kwahlwa. Ngoko ke abaLevi bazilungiselela bona ziqu kwanababingeleli bendlu ka-Aron.
15 Iimvumi, inzala ka-Asafu, zazimi ngeendawo zazo ngokomyalelo kaDavide noAsafu noHeman noYedutun imboni kakumkani. Kwisango ngalinye abagcini-masango abemkanga, kuba amawabo abaLevi babebalungiselele.
16 Ngelo thuba ke yonke inkonzo kaNdikhoyo yaqhutywa, kubhiyozelwa iPasika, kusenziwa namadini atshiswayo kwiqonga likaNdikhoyo ngokomyalelo kakumkani uJosiya.
17 Ngelo thuba ke amaSirayeli awayekhona apho ayibhiyozela iPasika, aqhuba neSidlo seZonka ezingaNyuswanga, iintsuku zasixhenxe.
18 Ukususela kwimihla yomshumayeli uSamweli iPasika le yayingazange iqhutywe ngolu hlobo kwaSirayeli, kungekho nakumkani kwabakwaSirayeli wakha waqhuba iPasika ngendlela awayenza ngayo uJosiya enababingeleli nabaLevi, naye wonke uJuda noSirayeli, abantu ababelapho eJerusalem.
19 Le Pasika ke yabhiyozelwa kunyaka weshumi elinesibhozo elawula uJosiya.