15 Iimvumi, inzala ka-Asafu, zazimi ngeendawo zazo ngokomyalelo kaDavide noAsafu noHeman noYedutun imboni kakumkani. Kwisango ngalinye abagcini-masango abemkanga, kuba amawabo abaLevi babebalungiselele.
16 Ngelo thuba ke yonke inkonzo kaNdikhoyo yaqhutywa, kubhiyozelwa iPasika, kusenziwa namadini atshiswayo kwiqonga likaNdikhoyo ngokomyalelo kakumkani uJosiya.
17 Ngelo thuba ke amaSirayeli awayekhona apho ayibhiyozela iPasika, aqhuba neSidlo seZonka ezingaNyuswanga, iintsuku zasixhenxe.
18 Ukususela kwimihla yomshumayeli uSamweli iPasika le yayingazange iqhutywe ngolu hlobo kwaSirayeli, kungekho nakumkani kwabakwaSirayeli wakha waqhuba iPasika ngendlela awayenza ngayo uJosiya enababingeleli nabaLevi, naye wonke uJuda noSirayeli, abantu ababelapho eJerusalem.
19 Le Pasika ke yabhiyozelwa kunyaka weshumi elinesibhozo elawula uJosiya.
20 Ke kaloku emva kokuba uJosiya eyilungisile indlu kaThixo, uNeko ukumkani waseJiputa wenyuka waya kuhlasela iKarkemishe kumlambo iEfrati. Ke uJosiya wamhlangabeza.
21 Kambe ke uNeko wathumela izigidimi esithi: “Akukho mfazwe phakathi kwam nawe, kumkani wakwaJuda. Okweli lixa andihlaseli wena, koko ndihlasela isizwe esilutshaba lwam. UThixo uthe mandikhawulezise, ngoko ke wena musa ukuchasana noThixo ongakum, hleze akutshabalalise.”