7 Abantu ababelapho uJosiya wabalungiselela amashumi amathathu amawaka eegusha neebhokhwe ezizezedini lePasika, kwakunye namawaka amathathu eenkomo – zonke ezo zinto ziphuma kukumkani ngokwakhe.
8 Nawo amaphakathi akhe enza izinwe akhuphela abantu nababingeleli nabaLevi. UHilekiya noZakariya noYehiyeli, abaphathi bendlu kaThixo, banika ababingeleli amakhulu angamashumi amabini anesithandathu amaxhwane ePasika kunye neenkomo ezimakhulu mathathu.
9 Kwakhona uKonaniya noShemaya noNataniyeli, abantakwabo, kunye noHashabhiya noYehiyeli noYozabhadi iinkokheli zabaLevi, bakhupha amawaka amahlanu amaxhwane ePasika, kunye namakhulu amahlanu eenkomo egameni labaLevi.
10 Yalungiselelwa inkonzo leyo, ababingeleli bema ngeendawo zabo nabaLevi kwizintlu zabo ngokomyalelo kakumkani.
11 Axhelwa amaxhwane ePasika, baza ababingeleli bafefa ngelo gazi lalinikezelwe kubo, baba bona abaLevi behlinza.
12 Bawabeka bucala amadini atshiswayo, ukuze bawanikezele kwizintlu zemizi, ukuze zinikele kuNdikhoyo njengoko kubhaliwe encwadini kaMosis. Benjenjalo ke nasezinkomeni.
13 Ngokommiselo ke amaxhwane ePasika bawosa emlilweni, wona amadini awodwa bawapheka ngeembiza, oongxawu, neepani, baza ke baphakela abantu ngokukhawuleza.