13 iirharnati ezimakhulu mane ziyimiqolo emibini ethe nca kwityathanga ngalinye elilukiweyo elihombise ezo ntloko zibusitya zeentsika ezo;
14 izixhaso nezitya zazo;
15 ichibi lobhedu lineenkunzi zeenkomo ezilishumi elinambini ezenziwe ngobhedu ezilixhasayo;
16 iimbiza, iifotsholo, iifolokhwe zenyama, nezinye izixhobo ezikolo didi.Zonke ke ezo zixhobo ezazenziwe nguHuram-abhi, ezenzela ukumkani uSolomon ukuze zisetyenziswe endlwini kaNdikhoyo, zazenziwe ngobhedu olugudisiweyo.
17 Ezo zinto ukumkani wathi mazibunjwe ngezibumbi zomdongwe kwintili yeJordan phakathi kweSukoti neZaretan.
18 Ubunzima bazo xa zizonke ezi zinto wazenzayo uSolomon babubukhulu ngangokuba abuzange bube namlinganiso.
19 Kananjalo uSolomon wazenza zonke iimpahla zendlu kaThixo:iqonga lamadini legolide;iitafile zesonka esinikelwa kuThixo;