1 Uthe ke wakufezeka loo msebenzi uSolomon awayewenzela indlu kaNdikhoyo, wazithatha zonke ezo zinto zazinikezelwe nguyise uDavide (isiliva, igolide, nazo zonke ezinye izinto zokusebenza) waza ke wazifaka koovimba bendlu kaThixo.
2 Ke kaloku uSolomon wawabizela eJerusalem onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, bonke abaziintloko zezizwe, namadoda aziinkulu zezindlu zamaSirayeli, ukuze aye kuthatha ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo eZiyon isixeko sikaDavide.
3 Onke ke amadoda akwaSirayeli aqokelelana kukumkani ngexesha lombhiyozo kwinyanga yesixhenxe.
4 Athe ke akuphelela amadoda amakhulu akwaSirayeli, abaLevi bayithatha ityesi,
5 kunye nentente yesibingelelo, nazo zonke izinto ezingcwele ezazikuyo. Ababingeleli ababengabaLevi bazithwala ezo zinto.
6 Ke yena ukumkani uSolomon nalo lonke ibandla likaSirayeli elaliqokelelene kuye babemi phambi kwetyesi besenza amadini ngeegusha neenkomo ezininzi, ziyinyambalala engenakubalwa.