10 Apho kuloo tyesi kwakungekho nto ngaphandle kwamacwecwe amabini amatye, lawo ayefakwe kuyo nguMosis eHorebhe, apho uNdikhoyo wenza umnqophiso namaSirayeli akuba ephumile eJiputa.
11 Ke kaloku ababingeleli abo baphuma apho endaweni engcwele. Bonke ababingeleli ababelapho – nditsho abeendidi zonke – babezihlambulule.
12 Bonke abaLevi ababeziimvumi – uAsafu, uHeman, noJedutun, noonyana babo, nezizalwane zabo – babemi kwicala lasempuma apho eqongeni, bevethe ezelinen entle kunene, bakhalisa amacangci, iihapu, nemirhubhe. Babekhatshwa likhulu elinamashumi amabini lababingeleli behlokomisa amaxilongo.
13 Abo bamaxilongo ngokunjalo nabaculayo batsho ngoncuthu oluyondeleleneyo, ngazwi-nye bedumisa bebulela uNdikhoyo. Babekhatshwa ngamaxilongo, amacangci, nezinye izikhalisi. Ewe, badanduluka ngendumiso bebonga uNdikhoyo besithi:“Hayi ke bethu ukulunga kwakhe;izibele zakhe zimi ngonaphakade!”Ke kaloku indlu kaNdikhoyo leyo yazaliswa lilifu.
14 Ngenxa yelo lifu ababingeleli ababanga nako ukwenza imisebenzi yabo. Kaloku ubukhazikhazi besidima sikaNdikhoyo babuyizalisile indlu leyo kaThixo.