11 Ke kaloku ababingeleli abo baphuma apho endaweni engcwele. Bonke ababingeleli ababelapho – nditsho abeendidi zonke – babezihlambulule.
12 Bonke abaLevi ababeziimvumi – uAsafu, uHeman, noJedutun, noonyana babo, nezizalwane zabo – babemi kwicala lasempuma apho eqongeni, bevethe ezelinen entle kunene, bakhalisa amacangci, iihapu, nemirhubhe. Babekhatshwa likhulu elinamashumi amabini lababingeleli behlokomisa amaxilongo.
13 Abo bamaxilongo ngokunjalo nabaculayo batsho ngoncuthu oluyondeleleneyo, ngazwi-nye bedumisa bebulela uNdikhoyo. Babekhatshwa ngamaxilongo, amacangci, nezinye izikhalisi. Ewe, badanduluka ngendumiso bebonga uNdikhoyo besithi:“Hayi ke bethu ukulunga kwakhe;izibele zakhe zimi ngonaphakade!”Ke kaloku indlu kaNdikhoyo leyo yazaliswa lilifu.
14 Ngenxa yelo lifu ababingeleli ababanga nako ukwenza imisebenzi yabo. Kaloku ubukhazikhazi besidima sikaNdikhoyo babuyizalisile indlu leyo kaThixo.