3 Onke ke amadoda akwaSirayeli aqokelelana kukumkani ngexesha lombhiyozo kwinyanga yesixhenxe.
4 Athe ke akuphelela amadoda amakhulu akwaSirayeli, abaLevi bayithatha ityesi,
5 kunye nentente yesibingelelo, nazo zonke izinto ezingcwele ezazikuyo. Ababingeleli ababengabaLevi bazithwala ezo zinto.
6 Ke yena ukumkani uSolomon nalo lonke ibandla likaSirayeli elaliqokelelene kuye babemi phambi kwetyesi besenza amadini ngeegusha neenkomo ezininzi, ziyinyambalala engenakubalwa.
7 Ababingeleli ke bayithatha ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, bayisa endaweni yayo kwigumbi elingaphakathi endlwini kaThixo – ingcwele kangcwele – bayibeka phantsi kwamaphiko ezo *zithunywa zimaphiko.
8 Izithunywa ezo ke zawathi naa loo maphiko azo, zayigquma loo ndawo yayikuyo ityesi ndawonye namanqwanqwa okuyiphatha.
9 La manqwanqwa ke ayemade ngangokuba zazibonakala iziphetho zawo kumntu ophambi kwegumbi elingaphakathi, kodwa ke zingabonakali kongaphandle kweyona ndawo ingcwele. Aselapho ke unanamhlanje.