1 Ke kaloku uSolomon uthe akugqiba ukuthandaza, suka kwehla umlilo uphuma ezulwini, walidla elo dini litshiswayo kunye neminikelo, kananjalo ubukhazikhazi *bukaNdikhoyo bayizalisa indlu.
2 Ababingeleli zange babe saba nako ukungena apho endlwini kaNdikhoyo, kuba kaloku ubukhazikhazi bukaNdikhoyo babuyizalisile.
3 Xa ewonke ke amaSirayeli athe akuwubona umlilo usihla, kananjalo nobukhazikhazi bukaNdikhoyo buyigubungele indlu leyo, asuka ee guqaqa ejonge phantsi, enqula uNdikhoyo, embonga esithi:“Hayi ke bethu, ukulunga kwakhe!Izibele zakhe zimi ngonaphakade!”
4 Ke ukumkani ndawonye nabantu bonke benzela uNdikhoyo amadini.