11 Ke uSolomon wathi akuba egqibile ukwakha indlu *kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe, ekufezile nako konke awayezimisele ukukwenza endlwini kaNdikhoyo nakwelo bhotwe lakhe,
12 suka uNdikhoyo wabonakala kuye ebusuku, wathi:“Ndiwuvile umthandazo wakho, ngoko ke le ndawo ndizinyulele yona ukuba ibe yindlu yam yamadini.
13 “Ngoko ke kuya kuthi xa ndithe ndawavala amazulu akwabikho mvula, okanye xa ndithe ndathumela iinkumbi zalivikiva eli lizwe, mhlawumbi xa ndithe ndathumela ubhubhani wesifo phakathi kwabantu bam,
14 ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo.
15 Ewe, amehlo am aya kuhlala ejongile, neendlebe zam ndihlale ndizibazele imithandazo eyenziwa kule ndawo.
16 Le ndlu ndiyinyule ndayingcwalisa ukuze igama lam lihlale apha kuyo ngonaphakade. Intliziyo yam namehlo am ohla ekule ndawo.
17 “Ke wena ukuba uthe wahamba phambi kwam njengoyihlo uDavide, xa uthe wakwenza konke endikuyalela kona, wayigqala imimiselo nemithetho yam,