1 Ke kaloku ekupheleni kwamashumi amabini eminyaka, xesha elo walithathayo uSolomon ekwakheni kwakhe indlu kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe,
2 uSolomon wazihlaziya iidolophu awayeziphiwe nguHiram, waza ke wamisa amaSirayeli kuzo.
3 USolomon waya kuhlasela iHamati-zobha wayithimba.
4 Kananjalo wayakha iTademore entlango phaya, ndawonye nazo zonke izixeko ezingoovimba awazimisa eHamati.
5 Wayihlaziya neBhete-horon ephezulu ndawonye naleyo isezantsi, wazenza iinqaba ezibiyelweyo ngeendonga ezinamasango nemivalo,
6 kwakunye neBhalati nazo zonke izixeko zakhe ezingoovimba, nezixeko zeenqwelo kunye nezamahashe akhe, nayo nantoni na awayakhayo eJerusalem naseLebhanon, ukanti nakuwo wonke ummandla awayewulawula.
7 Bekukho abantu ababesele kwiintlanga zamaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. Ezi ntlanga ke zazingengawo amaSirayeli,