11 Ke kaloku uSolomon wamkhupha umkakhe owayeyintombi yokumkani waseJiputa phaya kwisixeko sikaDavide, wamsa kwelo bhotwe wayemakhele lona, kuba wayesithi: “Umfazi wam akanakuhlala kwisixeko sikaDavide ukumkani wakwaSirayeli, kuba ifakwe khona ityesi kaNdikhoyo; ngoko ke siyindawo engcwele.”
12 Kwiqonga likaNdikhoyo awayelakhile phambi kwevaranda uSolomon wanikela amadini atshiswayo kuNdikhoyo,
13 loo nto eyenza ngokwemfuneko nommiselo wemini nganye, ngokomlomo kaMosis mayela *neMihla yoPhumlo, ukuthwasa kwenyanga, naloo matheko mathathu ayesenziwa minyaka le – itheko lezonka ezinganyuswanga, itheko lolibo, netheko lamaphempe.
14 Ngokommiselo kayise uDavide naye wazimisa izigaba zababingeleli ngokwemisebenzi yabo, waza ke bona abaLevi wabamisela ukuba babhexeshe iingoma, nokuba basebenzisane nababingeleli ngokweemfuneko zemini nganye. Kananjalo wamisela nabagcini-masango ngokwamasango lawo ahlukeneyo. Kaloku lowo yayingummiselo kaDavide umfo wakwaThixo.
15 Ewe, zange banxaxhe nakanye kwizimiso zikakumkani malunga nababingeleli nabaLevi nakuwuphi na umba, nditsho nangokunxulumene noovimba.
16 Wonke loo msebenzi kaSolomon wafezekiswa, kusukela mhla sabekwa isiseko sendlu kaNdikhoyo yada ke yagqitywa. Ewe, yagqitywa indlu kaNdikhoyo.
17 Ke uSolomon waya e-Eziyon-gebhere nase-Elati kunxweme lolwandle lwase-Edom.