15 Ewe, zange banxaxhe nakanye kwizimiso zikakumkani malunga nababingeleli nabaLevi nakuwuphi na umba, nditsho nangokunxulumene noovimba.
16 Wonke loo msebenzi kaSolomon wafezekiswa, kusukela mhla sabekwa isiseko sendlu kaNdikhoyo yada ke yagqitywa. Ewe, yagqitywa indlu kaNdikhoyo.
17 Ke uSolomon waya e-Eziyon-gebhere nase-Elati kunxweme lolwandle lwase-Edom.
18 Ke uHiram wamthumelela iinqanawa ziqhutywa ngoomatiloshe bakhe, izinto ezazilwazi ulwandle, ziphantsi kweengqwayi-ngqwayi zazo. Bona ke bahamba namagosa kaSolomon baya eOfire, baza babuya bethwele igolide ebunzima buziikhilogram ezilishumi elinesihlanu lamawaka, bazinika ukumkani uSolomon.