21 Ukumkani wayeneqela leenqanawa zokurhweba ezaziqhutywa ngamadoda akwaHiram. Zazibuya kanye ngeminyaka emithathu, zifike zithwele igolide, isiliva, amabamba eendlovu, iinkawu, neemfene.
22 Ukumkani uSolomon wayebalasele ngobutyebi nangobulumko kunabo bonke ookumkani behlabathi.
23 Bonke ookumkani bamazwe babefuna amacebo kuSolomon ukuze beve ubulumko abunikwe nguThixo.
24 Minyaka le umntu ngamnye ozayo wayesiza nomrhumo – izinto zesiliva, ezegolide, iminweba, izixhobo, izinongo, amahashe, neemeyile.
25 USolomon wayenezitali zamahashe neenqwelo ezingamawaka amane, enamahashe angamawaka alishumi elinambini, awayewagcina kwizixeko zeenqwelo nakwakhe eJerusalem.
26 Xa bebonke ookumkani wayebalawula ukususela kumlambo iEfrati kuye kwelamaFilistiya, kuthi xhaxhe ngomda weJiputa.
27 Ke ukumkani lo isiliva wayenza yaxhaphaka eJerusalem oku kwamatye, umsedare wamninzi njengomthombe esihlanjeni.