15 esithi: “UJefta uthi: ‘Hayi, uyaphazama; uSirayeli zange athathe mhlaba wamaMowabhi namhlaba wama-Amon.
16 Nantsi into eyenzekayo: AmaSirayeli ukuphuma kwawo eJiputa, anqumla intlango, aya kutsho kuLwandle oluBomvu, agaleleka eKadeshe.
17 Athumela izigidimi kukumkani wase-Edom, ecela ukuba awavumele acande emhlabeni wakhe. Kodwa ke yena zange awavumele. Kwakhona athumela kukumkani waseMowabhi, acela ukuba awavumele anqumle emhlabeni wakhe, kodwa naye zange avume. Ngoko ke amaSirayeli ahlala apho eKadeshe.
18 Asuka ke anqumla intlango, awucezela umhlaba wase-Edom nowaseMowabhi, ada aya kufika kwimpuma yeMowabhi, ngaphesheya komlambo iAnoni. Akazange angene kwelaseMowabhi, kuba kaloku iAnoni yayingumda.
19 AmaSirayeli athumela kuSihon ukumkani wama-Amori eHeshbhon, athi: “Sivumele sinqumle siye emhlabeni wethu.”
20 Kambe ke zange uSihon akholiseke ukuba banqumle emhlabeni wakhe. Suka waqokelela umkhosi wakhe eJahazi, waza wahlasela uSirayeli.
21 Kodwa ke uNdikhoyo uThixo wamaSirayeli wamnikela ezandleni zamaSirayeli uSihon nomkhosi wakhe wonke. Ngoko ke amaSirayeli awuthimba wonke umhlaba wama-Amori awayehlala kuloo mmandla;