19 AmaSirayeli athumela kuSihon ukumkani wama-Amori eHeshbhon, athi: “Sivumele sinqumle siye emhlabeni wethu.”
20 Kambe ke zange uSihon akholiseke ukuba banqumle emhlabeni wakhe. Suka waqokelela umkhosi wakhe eJahazi, waza wahlasela uSirayeli.
21 Kodwa ke uNdikhoyo uThixo wamaSirayeli wamnikela ezandleni zamaSirayeli uSihon nomkhosi wakhe wonke. Ngoko ke amaSirayeli awuthimba wonke umhlaba wama-Amori awayehlala kuloo mmandla;
22 ewe, wonke loo mhlaba wama-Amori, ukusuka ezantsi eAnoni ukuya kutsho phezulu eJabhoki, ngokunjalo nokusuka empuma entlango ukuya kuthi xhaxhe ngeJordan entshonalanga.
23 Ngoko ke nguNdikhoyo uThixo wamaSirayeli owawagxothayo ama-Amori, khon' ukuze kungene abantu bakhe amaSirayeli. Ngaba uzama ukuwohlutha kuthi ke ngoku?
24 Hlala wena naloo ndawo akunike yona uKemoshi uthixo wakho. Ke thina siza kuhlala kule siyinikwe nguNdikhoyo uThixo wethu.
25 Ngaba wena ungcono kunoBhalaki unyana kaZipora, ukumkani waseMowabhi? Andithi yena zange acele mngeni kuSirayeli! Wakha walwa nathi kakade?