3 Wasaba ke uJefta kubantakwabo, waya kuhlala kumhlaba waseTobhi. Apho ke kwabuthelana kuye iindlavini ezithile, zaza zaba ngamahlakani akhe.
4 Ekuhambeni kwethuba ke ama-Amon alwa namaSirayeli.
5 Kuthe ke kwakuba nje amadoda amakhulu aseGiliyadi asuka alanda uJefta eTobhi,
6 athi: “Yiba yinjengele yethu, khon' ukuze sibe nako ukulwa nama-Amon.”
7 Waphendula ke yena wathi: “Andithi na kanene nandithiya kangangokuba nada nandigxotha endlwini kabawo. Ngani ke ngoku ukuba nithi nakuba sengxakini nize kum?”
8 Ke wona azibika kuye athi: “Ewe, naxa kunjalo sibhenela kuwe ngoku, kuba sifuna uhambe nathi, ulwe nama-Amon. Uya kuba yintloko yethu sonke thina maGiliyadi.”
9 UJefta ke wathi kumadoda aseGiliyadi: “Ukuba ndithe ndabuyela kuni, ndaza ngoncedo lukaNdikhoyo ndawoyisa ama-Amon, ngaba niyavuma ngenene ukuba ndibe yintloko yenu?”