3 Ke isithunywa sikaNdikhoyo sabonakala kuye, saza sathetha naye sathi: “Njengoko ungazanga waba namntwana, ngoku uza kukhawula, uze ufumane unyana.
4 Uyabona ke, kufuneka uzigcine, ungaseli wayini natywala, ungatyi nanye into engavunyelwanga ngumthetho kaThixo.
5 Ewe, selukhulelwe; uza kuzala unyana. Ke yena ze zingaze zichetywe iinwele zentloko yakhe, kuba kaloku le nkwenkwe iya kuba *lilolo likaThixo kwasesizalweni sakho. Yiyo eya kuqala ukuhlangula amaSirayeli kumaFilistiya.”
6 Lo mfazi ke waya kuxelela indoda yakhe, wathi: “Ndibone ndifikelwa ngumfo wakwaThixo onenkangeleko yesithunywa sikaThixo; uyoyikeka kakhulu. Andimbuzanga apho avela khona, engandixelelanga negama lakhe.
7 Uthe kum: ‘Ùyabona, selukhulelwe; uza kuzala unyana. Ke ngoko uzungaseli wayini natywala, ungatyi nanye into engavunyelwanga ngumthetho kaThixo, kuba le nkwenkwe iya kuba lilolo likaThixo kwasesizalweni sakho, kude kube yimini yokufa kwayo.’ ”
8 Ke kaloku uManowa wathandaza kuNdikhoyo, wathi: “Ngxe, Nkosi yam, khawuphinde umthumele umfo wakwaThixo obumthumile, eze kusifundisa ukuba siyiphathe kanjani na inkwenkwe leyo yakuvela.”
9 UThixo ke wenza ngokwesicelo sikaManowa, isithunywa sakhe sabuya seza kumkakhe esemasimini, phofu yena uManowa engekho.