6 Lo mfazi ke waya kuxelela indoda yakhe, wathi: “Ndibone ndifikelwa ngumfo wakwaThixo onenkangeleko yesithunywa sikaThixo; uyoyikeka kakhulu. Andimbuzanga apho avela khona, engandixelelanga negama lakhe.
7 Uthe kum: ‘Ùyabona, selukhulelwe; uza kuzala unyana. Ke ngoko uzungaseli wayini natywala, ungatyi nanye into engavunyelwanga ngumthetho kaThixo, kuba le nkwenkwe iya kuba lilolo likaThixo kwasesizalweni sakho, kude kube yimini yokufa kwayo.’ ”
8 Ke kaloku uManowa wathandaza kuNdikhoyo, wathi: “Ngxe, Nkosi yam, khawuphinde umthumele umfo wakwaThixo obumthumile, eze kusifundisa ukuba siyiphathe kanjani na inkwenkwe leyo yakuvela.”
9 UThixo ke wenza ngokwesicelo sikaManowa, isithunywa sakhe sabuya seza kumkakhe esemasimini, phofu yena uManowa engekho.
10 Ke umfazi wakhawuleza waya kuxelela indoda yakhe, wathi: “Laa mfo ubeze kum ngalaa mini uphinde wabonakala!”
11 Waphakama ke uManowa, walandela umkakhe. Wafika wayibuza ke indoda wathi: “Ungulaa mfo wayethethe nenkosikazi yam?”“Ndinguye,” watsho umfo lowo.
12 Waqhuba ke uManowa wathi: “Ke, akuba ezalisekile la mazwi akho, imelwe kukuziphatha njani inkwenkwe leyo, yenze ntoni?”